ISEBE LEZEMICIMBI YAMANZI NAMAHLATHI
ISikhokelo kuMthetho wezaManzi weSizwe, 1998
Ingxelo eshwankathelweyo
INTSHAYELELO
Injongo yesi sikhokelo
Esi Sikhokelo simalunga noMthetho wezaManzi weSizwe (inombolo yoMthetho ngama- 36 we-f 1998). Njengawo wonke umthetho, uMthetho wezaManzi weSizwe ubhalwe kulwimi lwasemthethweni olunzima kwaye ekungekho lula ukuba uluqonde. Ei Sikhokelo sicacisa ukuba uMthetho uthini kwaye sinika intsingiselo yawo.
Umgaqo obalulekileyo woMthetho wezaManzi weSizwe kukuba bonke abemi bomzantsi Afrika kufuneka bakwazi ukuthabatha inxaxheba ekulawuleni manzi. Injongo yesi Sikhokelo kukunceda abasebenzisi beemvelaphi zamanzi ( imilambo, imisinga, amanzi asemadamini, amanzi aphantsi komhlba njalo njalo) ukuba baqonde uMthetho ukuze bakwazi ukuthabatha inxaxheba ngokupheleleyo kwizigqibo ezimalunga nemibandela yamanzi ezinefuthe kubo.
Ngubani ekufuneka afunde esi Sikhokelo?
Esi sikhokelo sinika ulwazi oluya kuba luncedo:
abona basebenzisi bamanzi;
nabanina ofuna ukwazi ngaphezulu malunga nokulawulwa kwamanzi;
nabanina ofuna ukuzibandakanya nolawulo lwamanzi.
Xa ufuna ulwazi olunzulu ngesihloko esithile kufuneka uqhangamshelane ne-Ofisi yeSithili ekufutshane yeSebe lezeMicimbi yamanzi namaHlathi. Iinkcukacha zoqhagamshelwano zidweliswe kuphepha lokugqibela. Ikopi yoMthetho wezaManzi weSizwe ungayifumana kwiwebhusayithi www.dwaf.gov.za
Kuqulethwe ntoni kwesi Sikhokelo?
Esi Sikhokelo asiqulethanga yonke into ekuMthetho wezaManzi eSizwe. Inika sonke isikhokelo kuMthetho kwakunye nolwazi olubalulekileyo malunga neenxalenye ezibalulekileyo zoMthetho ezijolise ekuncedeni abasebenzisi bamanzi ukuba bathabathe inxaxheba kwimibandela yemvelaphi yamanzi. Sicacisa indlela uMthetho okuqinisekisa ngako oko:
wonke ubani unelungelo kumanzi awaneleyo;
ivelaphi yamanzi iyakhuselwa, iyasetyenziswa, iyaphuhliswa, iuyalondolozwa, kwaye iyalawulwa;
uyilo olupheleleyo luyenziwa ukuzalisekisa iinjongo zoMthetho wezaManzi weSizwe;
iindleko zokulawula nokuphuhlisa ubutyebi bamanzi ziyalungiswa;
amaziko okulawula imvelaphi yamanzi ayasekwa.
INTSHAYELELO : INKCAZELO JIKELELE NGOMTHETHO WEZAMANZI WESIZWE
Kutheni uMthetho wezaManzi weSizwe ubalulekile?
UMthetho wezaManzi eSizwe ubalulekile kuba uya kubeka endaweni ezo zinto zimalunga namanzi kuMgaqo-Siseko.
Amanzi asisiseko sobomi bonke. Ngaphandle kwamanzi akukho mntu, sityalo silwanyane okanye nayiphi into ephilayo enokuphila. Inkcenkceshela iintsimi zamafama, iinkcenkceshela ulimo kunye nemfuyo kwintlalo yasemaphandleni; inika uhlaziyeko, ixhasa ummndla, ixhasa iidolophu nezixeko, imigodi, ushishino namandl oomatshini bokwenza umbane. Abantu bawadinga amanzi ekuseleni, ekukhuleni, ekuphekeni ukutya, ekuhlambeni nasempilweni.
UMzantsi Afrika lilizwe elomileyo elinemvula encinane. Iimvelaphi ezininzi zamanzi wethu zisetyenziswe kakhulu. Yonke imihla abantu kunye namashishini anempembelelo kubulunga bemilambo yethu, bemisinga, bamanzi aphantsi komhlaba nakwiindawo ezinamanzi. Kwiindawo ezininzi amanzi anqongophele, apho sifuna khona manzi amaninzi kuneendawo esinamanzi kuzo. Kwezi ndawo ummandla uphantsi koxinzelelo kwaye abanye abantu abafikeleli kumanzi wokusela okanye bafumani bulungisa kwisabelo sabo samanzi.
UMthetho wezaManzi eSizwe ubalulekile kuba unika indlela yokukhusela iimvelaphi zamanzi ukuze zingasetyenziswa kakhulu ukuze kubekho amanzi kuphuhliso lwentlalo noqoqosho kwaye amanzi ngawexesha elizayo. Ubalulekile kwakho kuba uchaza ukuba amanzi nawesizwe sonke eluncedo kubantu bonke.
Zintoni iimvelaphi zamanzi?
Iimvelaphi yamanzi ziziqu zamanzi ezifana nemilambo, imisinga, iindawo ezinamanzi, amachweba emilambo namanzi aphantsi komhlaba. 'Amanzi aphezu komhlaba ngamanzi angaphezulu komhlaba. Amanzi angaphantsi komhlaba " ngamanzi angaphantsi ( umzekelo kwikwari ).
Yintoni umahluko phakathi koMthetho wezaManzi weSizwe kunye noMthetho weeNkonzo zaManzi?
Kutheni igama lisithi uMthetho wezaManzi weSizwe, 1998?
Isizwe' kuthetha ukuba uMthetho wesizwe sonke. ' UMthetho' ngumthetho opasiswe yiPalamente. UMthetho wezaManzi weSizwe ngoko ngumthetho malunga namanzi , woMzantsi Afrika 1998.
Uncedo loMthetho omtsha wezaManzi weSizwe
Amanzi ngawabantu bonke
UMthetho wezaManzi weSizwe uchaza ukuba amanzi bubutyebi bendalo wabantu bonke eMzantsi Afrika. Uthi amanzi kufuneka kwabelwane ngawo ngobulungisa nangokulinganayo. Uchaza ukuba amanzi sisiseko sesidingo sabantu ( njengokusela amanzi, ukulungiselela ukutya, nococeko lomntu) kunye namanzi afuneka kummandla kufuneka abekelwe ecaleni phambi kokuba abelwe ezinye iintsebenziso.
Ukuthabatha inxaxheba
Kuba amanzi ebaluleke kubantu bonke, uMthetho wazaManzi eSizwe uchaza ukuba bantu kufuneka bathabathe inxaxheba ekulawulweni kwemvelaphi yamanzi. Uphucula ulawulo lweemvelaphi zamanzi lube kufutshane kubantu kangangoko. Ikwenza oku ngokusekwa kwamaziko amatsha ezithili nawasekhaya afana nee-Arhente zoLawulo loMmandla . La maziko matsha aya kuba nabameli kubahlali kwaye aya kunceda abahlali ukuba bazibandakanye kwizigqibo malunga namanzi.
Ukusetyenziswa kwebango lokunceda bonke
UMthetho wezaManzi weSizwe wahlukene neengcamango ezindala zocalucalulo zelungelo elilodwa. Uphucula ukusetyenziswa kwamanzi kumdla wabo bonke abaseMzantsi Afrika. Uphucula amanzi ukuba aphuhliswe ngokugcinakeleyo.
INJONGO NEMIQATHANGO YOMTHETHO
Yintoni injongo yoMthetho wezaManzi weSizwe?
Injongo yoMthetho wezaManzi weSizwe kukuqinisekisa ukuba iimvelaphi zamanzi esizwe zi:
Imiqathango yoMthetho wezaManzi weSizwe
Ngubani onemfanelo kwiimvelaphi zamanzi esizwe?
Urhulumente wesizwe ( iSebe leMicimbi yezaManzi naMahlathi) lisebenza ngoMphathiswa wezeMicimbi yamanzi naMahlathi njengo nelungelo lomntu wonke kwiimvelaphi yamanzi esizwe.
UBUCHULE BOKUPHATHA UKULAWULWA KWAMANZI
Ubuchule bokuphatha ukulawula uButyebi/imvelaphi yaManzi eSizwe
UMphathiswa weMicimbi yezaManzi naMahlathi lunemfanelo yokuqinisekisa ukuba ubuchule bokuphatha ukulawula ubutyebi baManzi eSizwe buyasekwa. Isishwankathelo sobu buchule bokuphatha kufuneka bupapashwe kwiGazethi kaRhulumente. Ubuchule bokuphatha ubutyebi bamanzi esizwe bubophelela onke amaziko amanzi kunye nabasebenzisi bamanzi. UMphathiswa kufuneka ahlaziye ubuchule bokuphatha iMvelaphi yaManzi kwiminyaka emi-5 ubuncinane.
Yintoni injongo yoBuchule bokuPhatha aManzi eSizwe?
Injongo yoBuchule yeMvelaphi yaManzi eSizwe kukuqinisekisa ukuba iimvelaphi yamanzi esizwe alawulwa ngokupheleleyo elawulelwa isizwe sonke. Inika isikhokelo malunga nendlela amanzi ekufuneka alawulwe ngayo kwiindawo ezichaziweyo zokulawulwa amanzi.
Ichaza indlela amanzi ekufuneka 'agcinwe' ngayo kwizidingo ezisiseko zabantu nommandla. Ubuchule bokuphatha iiMvelaphi yaManzi eSizwe kufuneka kwakho iqinisekise ukuba kukho amanzi exesha elizayo kunye nokusetyenziswa okubalulekileyo njengamandla okwenza umbane. Ibeka imigangatho yobulunga amanzi. Ikwachaza indlela amaziko okulawula iimvelaphi zamanzi ( ezifana nee-Arhente zokulawula ummandla) kufuneka zisekwe.
Ubuchule bokuphatha ummandla
Urhulumente wesizwe wahlule isizwe saba ziindawo ezili-19 zokulawula amanzi. UMthetho wezaManzi weSizwe uchaza ukuba ubuchule bokuphatha buphuhlisiwe kwindawo nganye yokulawula amanzi. Obu buchule bubizwa ngokuba bubuchule bokulawula ummandla (CMS).
Ngubani phuhlisa ubuchule bokuphatha ukulawulwa kommandla?
UMthetho wezaManzi weSizwe uchaza ukuba ii-arhente zokulawulwa ummandla (CMA) kufuneka zisekwe kwindawo nganye yokulawula amanzi. ICMA inemfaneloyokuphuhlisa ubuchule bokuphatha ukulawulwa kommandla.
Yintoni injongo yobuchule bokulawula ummandla?
Injongo yobuchule bokulawula ummandla kukuchaza indlela amanzi aya kwabiwa ngayo ( ukwahlulwa) phakathi kwabasebenzisi bamanzi. ICMA ijongene nabasebenzisi abaninzi bamanzi, umzekelo ukusetyenziswa ngumasipal, amashishini, ulimo, imigodi njalo njalo. Indlela iCMA eba ngayo amanzi kufuneka kuphuculwe uphuhliso lweendawo ezazinganikwanga mathuba ngaphambili. Ubuchule bokulawula ummandla kufuneka buchaze indlela iimvelaphi zamanzi eziya kulawulwa ngayo kwiindawo ezazinganikwanga mathuba, nendlela umntu wonke aya kuthabatha inxaxheba ngayo ekulawuleni iimvelaphi zamanzi. Kufuneka kwakho ivumelane nobuchule bokuphathwa kwemvelaphi yaManzi eSizwe.
UKUKHUSELWA KWEMVELAPHI YAMANZI
Urhulumente kufuneka uqinisekise ukuba amanzi ayakhuselwa kodwa kufuneka kuqinisekiswe ukuba kukho amanzi okuphuhlisa intlalo noqoqosho.
Enye yeendlela urhulumente anokwenza ngayo oku kukumisela ukugcinwa kwamanzi.
Ukumiselwa kokugcinwa kwamanzi
Ukugcinwa kwamanzi ngamanzi 'abekelwe ecaleni':
ukunika izidingo ezisiseko zabantu, kwaye ukuqinisekisa ukuba kukho amanzi awaneleyo kwimilambo nemisinga
Ukugcinwa kwamanzi kubaluleke kuzo zonke izinto ekusetyenziswa kuzo amanzi. Ngamanye amazwi umlinganiselo wamanzi agcinwayo kufuneka abekwe ecaleni phambi kokuba iimvelaphi zamanzi zingabelwa abanye abasebenzisi bamanzi.
Ukugcinwa kunamalungu amabini:
Ukugcinelwa izidingo ezisisiseko zomntu
Iya kuba yingxaki enzima (kwaye ngokuchasene noMgaqo-siSeko) ukuba ulimo, ushishino, nemigodi njalo njalo zisebenzisa amanzi amaninzi ukuze kungabikho manzi awaneleyo ezidingo ezisiseko zabantu ezifana nokusela, ukulungiselela ukutya neenjongo zempilo nezococeko.
UMthetho wezaManzi eSizwe uqinisekisa ukuba wonke ubani unelungelo/uyafikelela kumanzi awaneleyo ngokubekela ecaleni umlinganiselo othile wamanzi ukwanelisa izidingo ezisisiseko ezibizwa ngokuba ukugcinela izidingo eziziseko zabantu.
Ukugcinela izinto eziphilayo
Ukuze kuqinisekiswe ukuba kukho manzi awaneleyo kubulunga obamkelweyo bokusetyenziswa kwamanzi kwixesha elizayo, uMthetho wezaManzi weSizwe uchaza ukuba amanzi kufuneka abekelwe bucala ukugcinela izinto eziphilayo. Ukugcinela izinto eziphilayo ngamanzi afunekayo ukukhusela amanzi ezinto eziphilayo zemvelaphi yamanzi. Kufuneka akhuselwe kwaye angasetyenziselwa ezinye iinjongo.
Ngubani omisela ukubekelwa?
UMphathiswa wezeMicimbi yezaManzi naMahlathi kufuneka amisele ukubekelwa/ukugcinelwa. UMphathiswa kufuneka amisele umlinganiselo wamanzi kunye nobulunga bamanzi ekufuneka esele kwimvelaphi yamanzi ukwanelisa izidingo ezisiseko zabantu nezidingo zezinto eziphilayo.
UKUSETYENZISWA KWAMANZI
Kuthetha ntoni ukusetyenziswa kwamanzi?
Ukusetyenziswa kwamanzi kuthetha enye yezi zinto zilandelayo:
ukukha amanzi kwimvelaphi yamanzi ( ukukhupha)
ukugcina amanzi imisebenzi enciphisa ukuqukuqela komsinga ( umzekelo urhwebo lwamahlathi)
ukukhuphela ukungcola okanye amanzi aqulethe ukungcola kwimvelaphi yamanzi imisebenzi enempembelelo engalunganga kwimvelaphi yamanzi, umzekelo ukunkcenkceshela ngamanzi aqulathe ukungcola, okanye imisebenzi yamandla okwenza umbane eguqula ukuqukuqela kwemvelaphi yamanzi ukukhupha amanzi aphantsi komhlaba ukusebenzisa amanzi kwiinjongo zokuzonwabisa ( ukuzonwabisa ngephenyane).
Ukusetyenziswa kwamanzi kuthetha ukwenza into enempembelelo:
a kumlinganiselo wamanzi akwimvelaphi yamanzi b ubulunga bamanzi kwimvelaphi yamanzi c ummandla ongqonge imvelaphi yamanzi.
Umasipala owakha idami emlanjeni okanye umntu ompompa amanzi emlanjeni okanye umngxuma wesitsala- manzi okanye umntu okhuphela ukungcola kwamanzi kumlambo obandakanyeka ekusetyenzisweni kwamanzi. Njengomfama okanye u-Eskom okanye ibhodi yamanzi okanye nawuphi omnye umntu athatha amanzi ngqo kwimvelaphi.
Nokokuba amanzi akakhutshwanga, kodwa kwakhiwa udonga olwakhiwe ukusuka emlanjeni ukuya efama okanye iblorho entsha eyakhiwayo ephazamisa ukuqukuqela/ukuhamba kwamanzi, kukho impembelelo/ifuthe kwimvelaphi yamanzi. Loo misebenzi ngoko ibonwa njengokusetyenziswa kwamanzi. Ukusebenzisa amanzi kwiinjongo zokuzonwabisa ezifana nokuzonwabisa ngephenyane nako kukusetyenziswa kwamanzi.
Athini amalungelo aphambili okusetyenziswa kwamanzi?
Ukubekelwa/ukugcinelwa lilungelo lokuqala eliphambili. Kodwa kukho amanye amalungelo aphambili afuna ukwaneliswa phambi kokuba amanzi abiwe kwiindawo ezilawula amanzi. Ukuze kwaneliswe la malungelo aphambili isahlulo samanzi aba kulawulo ngqo loMphathiswa. La malungelo aphambili aquka oku kulandelayo:
amanzi esivumelane ukwabelana ngawo nesizwe ezingabamelwane bethu ngeemvumelwano zezizwe ngezizwe amanzi asetyenziselwa ukwenza umbane amanzi ekufuneka atshintshelwe kwenye indawo yokulawula amanzi ukuya kwenye indawo yokulawula amanzi. Ezinye iindawo zokulawula amanzi azinawo amanzi aneleyo ekubeni ezinye iindawo zokulawula amanzi zinamanzi angaphezulu. UMphathiswa angagunyazisa ukutshintshwa kolwabelo lwamanzi phakathi kweendawo zokulawula amanzi.
Elinye ilungelo eliphambili kukugcinwa kwamanzi ukuqinisekisa ukuba kukho amanzi exesha elizayo.
UBuchule bokuPhatha iMvelaphi zaManzi eSizwe kufuneka ibonelele ngawo onke la malungelo aphambili. Umzobo ongezantsi ubonisa indlela ukwabiwa kwamanzi ecwangciswa ngayo kuBuchule bokuPhatha iMvelaphi yaManzi eSizwe.
Ngubani abasebenzisi bamanzi?
Ukusetyenziswa kwamanzi kulawulwa njani?
Ukusetyenziswa kwamanzi kulawulwa ngokumisa indlela amanzi anokusetyenziswa ngayo. UMthetho wezaManzi weSizwe umisa ukusetyenziswa kwamanzi ngokubhaliswa kokusetyenziswa kwamanzi nangeentlobo ezahlukeneyo zokugunyazisa.
Ukubhaliswa kokusetyenziswa kwamanzi
Ukuze kulawulwe ukusetyenziswa kwamanzi iSebe lezeMicimbi yezaManzi naMahlathi kufuneka lazi ukuba kokuphi ukusetyenziswa kwamanzi okwenziwayo kwaye angakanani amanzi asetyenziswayo kwiimvelaphi zamanzi ezahlukeneyo. Ukufumanisa olu lwazi abasebenzisi bamanzi abakhoyo kufuneka kubhaliswe ukusetyenziswa kwamanzi abo ukuba bathatha amanzi okanye bagcina amanzi okanye ukuba benza ukuqukuqela kokuncitshiswa komlanjana ( urhwebo lwamahlathi). Ngokwangoku ukusetyenziswa kwamanzi akhoyo kubhaliswa kwi-Ofisi yeSithili seSebe lezeMicimbi yezaManzi naMahlathi. Abasebenzisi bamanzi abangabhalisanga ukusebenzisa kwabo amanzi bakwingozi yokulahlekana amalungelo abo amanzi.
Ukusetyenziswa kwamanzi angafuni phepha-mvume
Akukho mfuneko yaphepha-mvume kule misebenzi:
Ukukha amanzi nakweyiphi imvelaphi yamanzi ukuze uwasebenzise endlwini yakho ukuba ngaba unelungelo elisemthethweni kulo manzi
Ukugcina nokusebenzisa amanzi avela kuphahla
Igadi encinane engasetyenziselwa rhwebo
Ukunkcenkceshela izilwanyana ezisetyenziselwa ukuphila
Ukusebenzisa amanzi akumphezulu womhlaba okanye kumhlaba osingqongileyo osetyenziselwa ukonwaba ( umzekelo ukonwaba ngephenyane)
Ukusebenzisa amanzi kwixesha likaxakeka umzekelo usebenziso lwabantu okanye ukulwa umlilo
Oku kusetyenziswa kubizwa ngokuba yiSheduli yoku- 1 yokusebenzisa. Ngokwangoku, iShedyuli yoku- 1 yokusebenzisa akufuneki ibhaliswe.
Kwakho akufuneki akufuneki phepha-mvume ukuba ukusetyenziswa kwamanzi kuqulethwe kungunyaziso jikelele. Ugunyaziso jikelele yimvume enikwa nguMphathiswa kwelinye elikhulwana uGunyaziso Jikelele apapashwe kwiGazethi kaRhulumente. Imizekelo yezigunyaziso jikelele kuquka ukugcinwa komlinganislo ominyiweyo wamanzi kwidami okanye ukukhupha umlinganiselo ominyiweyo wamanzi kwimilambo ethile, okanye kwiimvelaphi zamanzi angaphantsi komhlaba ( imingxuma wesitsala- manzi).
Ukusetyenziswa kwamanzi okufuna iphepha-mvume
Umsebenzisi kufuneka enze isicelo sephepha-mvume sokusebenzisa amanzi ngokutsha ukuba asidweliswanga kwiShedyuli yoku- 1 okanye asiqulethwanga kugunyaziso jikelele. Amaphepha-mvume amanzi asetyenziselwa ukulawula ukusetyenziswa kakhulu kwamanzi kunomlinganiselo ongabhalwanga kwiShedyuli yoku-1 kwaye okungavunyelwanga kugunyaziso jikelele.
ISebe lezeMicimbi yezaManzi naMahlathi okanye I-arhente yokulawula ummamdla linganikezela ngephepha-mvume lokusebenzisa amanzi. Amasebenzisi bamanzi kufuneka:
Ukwenza isicelo sephepha-mvume kwi-ofisi yeSithili efanelekileyo yeSebe lezeMicimbi yezaManzi naMahlathi okanye ukubhalisa ukusebenzisa kwabo amanzi ne-Ofisi yeSithili.
Onke amaphepha-mvume aya kukhutshwa kwiimiqathango yamaphepha-mvume. Le miqathango kuya kuthetha-thethwana ngayo nomsebenzisi wamanzi apho kuyimfuneko Omnye umqathango obalulekileyo wephepha-mvume lixesha elisebenza ngalo iphepha-mvume. Bonke abasebenzisi bamanzi kufuneka bathobele iimeko ezimiselwe liphepha-mvume lokusebenzisa amanzi okanye baya kuphulukana namaphepha-mvume abo.
UKUBHATALELA AMANZI
Kukho indleko ekuphuhliseni nasekulawuleni imvelaphi yamanzi ukuze akhuselwe kwaye alondolozelwe ukusetyenziswa ngokufanelekileyo. Ezi ndleko ziya kufunyanwa kwakhona kubasebenzisi bamanzi ngokuhlawulisa ukusetyenziswa kwamanzi.
UMthetho wezeMicimbi yaManzi namahlathi uvumela uMphathiswa wezeMali ukuba avelise indlela ( uyilo) lokubala ukuhlawuliswa kokusetyenziswa kwamanzi.
UMphathiswa sele epapashe indlela yokuxabisa kwiGazethi kaRhulumente. UMthetho wezaManzi weSizwe uyamvumela ukuba ayitshintshe rhoqo.
Indlela yokuxabisa ekhoyo ivumela iintlobo ezintathu zokuhlawulisa amanzi.
Okokuqala uhlawuliso lokubhatala ulawulo lwemvelaphi yamanzi luhlawuliso lendleko zokulawula imvelaphi yamanzi. Oku kuya kuquka abasebenzisi ababhalisileyo, ukunikezela iimpepha-mvume, ukumisela iindawo zogcino, ukulinganisa ukuqukuqela emilanjeni, ukuvavanya ubulunga bamanzi, ukulawula ungcoliseko, ukulawula ukulondoloza amanzi njalo njalo.
Bonke abasebenzisi abahalisileyo nabanamaphepha-mvume baya kunikwa iphepha lesaziso sokuhlawula ulawulo lwemvelaphi yamanzi. Uhlawuliso luya lungahluka ngokweentlobo ezahlukeneyo zabasebenzisi naphakathi kweendawo zokulawula amanzi. Ngokwangoku uhlawuliso lunganeneno ekuncenkcesheleni kunamanzi asekhaya/oshishino.
Okwesibini uhlawuliso lophuhliso lwemvelaphi yamanzi luhlawuliso lweendleko zokwakha nokusebenzisa amanzi ukubonelela ulungiselelo olufana namadami, imijelokazi, iitonela njalo njalo ezisetyenziselwa ukugcina amanzi okanye ukunikezela ngamanzi..
Ukuhlawuliso lophuhliso lwemvelaphi yamanzi kuquka iindleko zokwakha ulungiselelo lwamanzi kunye nokusebenza kolungiselelo.
UMthetho wezaManzi eSizwe ubonelela ngokusekwa kwee-Arhente zokuLawula umMandla kwiindawo zokulawula amanzi.
Injongo yokusekwa kweCMA kukubandakanya uluntu lwasekhaya ekulawuleni imvelaphi yamanzi. ICMA ilawula iimvelaphi zamanzi kwindawo yawo yokulawula amanzi ngokobuchule bokuphatha ukulawula ummandla.
Ii-Arhente zokulawula ummandla kufuneka iqinisekise ukuba yonke imidla yababandakanyekayo ukuquka noluntu oluhlelelekileyo olwalunganikwanga mathuba ngaphambili bayakwazi ukuthabatha inxaxheba kwiinkqubo zokucibisana nokuthatha izigqibo zeCMA.
Xa iCMA ithe yasekwa inale misebenzi elandelayo ' eyimisebenzi yokuqala':
ukuphanda nokucebisa ukhuseleko, ukusetyenziswa, ukuphuhliswa, ukulondolozwa, ukuphathwa nokulawulwa kweemvelaphi zamanzi kwindawo yawo yokulawula amanzi ukuphuhlisa ubuchule bokuphatha ukulawula ummandla kwindawo yawo yokulawula amanzi ukulungelelanisa imisebenzi yabasebenzisi bamanzi namaziko okulawula amanzi kwindawo yawo yokulawula amanzi ukuphucula ulungelelwaniso phakathi kobuchule bokuphatha ukulawulwa kwamanzi noyilo lukamasipala lokuphuhlisa iinkonzo zamanzi ukuphucula ukuthabatha inxaxheba yoluntu ekulawuleni iimvelaphi zamanzi
UMphathiswa wezeMicimbi yezaManzi naMahlathi angagunyazisa kwakho anganikezela imisebenzi eyongeziweyo kwiCMA njengolawulo jikelele lweemvelaphi zamanzi kwindawo yokulawula amanzi.
Umbutho womsebenzi wamanzi kukuhlangana kwabasebenzisi bamanziabanqwenela ukusebenza kunye. Abasebenzisi bamanzi ' bayasebenzisana' ekwenzeni imisebenzi enxulumene namanzi kumgangatho wasekhaya woncedo olufanayo. Umzekelo umbutho wabasebenzisi bamanzi uya kwenziwa xa iqela lamafama efuna ukwakha umjelekozi ofanayo okanye idama lokubanceda ngokufanayo okantye iqela lamafama asakhulayo anqwenela ukusebenzisana.
Iibhodi zokunkcenkceshela ezikhoyo, neebhodi zamanzi ezineenjongo zokuncenkceshela impahla ekhoyo kunye neebhodi ezilawula amanzi ezijonge ukusetyenziswa kwamanzi aphantsi komhlaba ( iibhodi zokulawula amanzi angaphantsi komhlaba) iya kuguqulelwa kwimibutho yabasebenzisi bamanzi. Oku kuya kubandakanya ukwandisa indawo yokulawula la maziko ukuquka abanye abasebenzisi okanye ezinye iimvelaphi zamanzi.
Umbutho womsebenzisi wamanzi ungalicandelo elilodwa okanye umbutho wamacandelo amaninzi. Umbutho wecandelo elilodwa uqulethe iqela labasebenzisi abafanayo, umzekelo amafama asakhasayo kwaye asebenza kwimidla yaloo mfama. Umbutho wamacandelo amaninzi uqulethe iqela labasebenzisi abahlukeneyo, umzekelo ushishino, ukulima, emigodini njalo njalo kwaye asebenza kwimidla yabasebenzisi abahlukeneyo.
Injongo yeWUA kukuba abasebenzisi bamanzi bakwazi ukusebenzisana nokudibana ngobutyebi babo (ezemali, ubutyebi babantu, kunye nobuchule) ukwenza ngokupheleleyo imisebenzi enxulumene namanzi. IiWUA linendima ebalulekileyo eliyidlalayo ekupheliseni ubuhlwempu nokubonelela ukhusleko lokutya.
AMANYE AMALUNGISELELO
Iikomiti zokucebisa
UMthetho ugunyazisa uMphathiswa ukuba aseke iikomiti zokucebisa. Ezi komiti zingasekelwa iinjongo ezahlukeneyo kwaye imisebenzi eyahlukeneyo. Ezi komiti zingabacebisi ngokwesimo kodwa uMphathiswa angagunyazisa amanye amagunya kwiikomiti zokucebisa.
Ulawulo lwamanzi zizizwe ngezizwe
UMthetho wezaManzi weSizwe ubonelela ngokusekwakwamaqumrhu ukuzalisekisa iimvumelwano zamazwe ngamazwe. Ezi mvumelwano zimalunga nendlela yokulawula nokuphuhlisa iimvelaphi zamanzi ezabelana namzwe angabamelwane.
Ufumaniso-manzi ngurhulumente
UMthetho wezaManzi weSizwe uvumela uRhulumente ukuba akhe okanye athenge amadami wakhe okanye ufumaniso-manzi ( amaziko) ukuba ngaba kusemdleni wabantu bonke. URhulumente angaba amanzi kumadami wakhe nofumaniso-manzi ngendlela efanayo yokwaba amanzi kwimvelaphi.
UMthetho wezaManzi weSizwe uqulathe amanyathelo okulawula amaninzi ukuphucula ukhuseleko lwamadami akhoyo namatsha. Oku kukukhusela ingozi.
Amadami amakhulu angadala ingozi enkulu kubantu nakummandla. Amadami angenziwanga ngokufanelekileyo okanye avumela ukwenza mandundu ngokunggcinwa ngokufanelekileyo ayingozi ethile.
Inkundla yamatyala amanzi
UMthetho wezaManzi ubonelela ngokusekwa kwenkundla yamatyala amanzi ukumamela izibheno ngezigqibo ezithile okanye imigaqo enikwe ngumphathi onemfanelo okanye ngamaziko olawulo afana nee-Arhente zokuLawula aManzi. Inkundla yamatyala amanzi liqumrhu elizimeleyo.
Umsebenzisi wamanzi angabhena kwinkundla yamatyala amanzi ngeentlobo ezahlukeneyo zezigqibo zamaziko olawulo, umzekelo amabango kwiindleko, iishedyuli zokwabiwa kwamanzi, izigqibo zamaphepha-mvume njalo njalo.
Inkundla yamatyala amanzi yasekwa ngo-Okthobha we-1998. Ingava kwiindawo apho isenzeko sivele khona. Imisebenzi yenkundla yamatyala ibhatalwa liSebe lezemali leSizwe.
